INKQUBO-SIKHOKELO: INYANGA YOKUBHIYOZELA ILIFA LOLUNTU
UMXHOLO: UKUBHIYOZELA AMAFA ETHU APHILAYO ("YINTONI EYENZA UKUBA SIPHILE") KUNYAKA WESHUMI WENTANDO YETHU YESININZI
INTSHAYELELO
ISebe lezobuGcisa neNkcubeko, lihlanganyelene nabaPhathiswa beSizwe kunye nee-MEC ezinoxanduva lwenkcubeko kwintlanganiso yabo ye-MINMEC yangoMatshi 2004, baphakamisa umxholo othi ukubhiyozela amafa ethu aphilayo "yintoni eyenza ukuba siphile" kunyaka weshumi wentando yethu yesininzi."
Lo mxholo uyakuqhuba le minyaka mithathu izayo uze uphele ngoSeptemba ka-2007. iSebe lijolise ukusebenzisa ngecebo iNyanga yokuBhiyozela aMafa njengesixhobo sombono wexesha elide wokuqokelela, ukugcina, ukukhusela, ukuphakamisa kunye nokusasaza amafa aphilayo/amafa enkcubeko angaphathekiyo.
IGAMA "AMAFA APHILAYO"
Kubalulekile ukuqaphela ukuba umgaqo-nkqubo woMzantsi Afrika kunye namaxwebhu owiso-mthetho ngokuqhelekileyo into abhekiselele kuyo njengamafa aphilayo kumazwe ngamazwe (UNESCO) kubhekiselwa kuyo njengamafa enkcubeko angabambekiyo. Ngoqulunqo lwakamva nje lweNkomfa yamazwe ngamazwe yokuKhuselwa kwaMafa eNkcubeko engaBambekiyo, intsingiselo entsha ifumana amandla apho iingcali zamafa kunye namagcisa aqalayo ukusebenzisa "aMafa aPhilayo kunye naMafa eNkcubeko angaPhathekiyo ngokutshintshisana. Ukuba ngaba umntu uthetha ngamafa aphilayo kuyazeka ukuba ingxoxo imalunga namafa enkcubeko angaphathekiyo ngokunjalo naxa uphendulele.
UKUCHAZA AMAFA APHILAYO
iNkcazo" njengoko ibekiwe kumThetho weBhunga laMafa eSizwe (umThetho oyiNombolo ye-11 ka-1999) kunye nomThetho weziBonelelo zaMafa eSizwe (umThetho oyiNombolo yama-25 ka-1999).
Amafa aPhilayo" athetha izinto ezingaphathekiyo zenkcubeko efunyenwe njengelifa kwaye anokuquka oku kulandelayo:
Amasiko enkcubeko
Imbali ebaliswa ngomlomo
Ukusebenza
Isiko
Inkumbulo engalibalekiyo
Izakhono nobugcisa
Indlela yoLwazi yeMveli kunye
Indlela epheleleyo yendalo, yoluntu kunye nobudlelwane bentlalo.
Inqaku 2 leNkomfa yaMazwe ngaMazwe yokukhuselwa kwaMafa eNkcubeko angaPhathekiyo lifundeka ngolu hlobo:
Ngenjongo zale Nkomfa - "aMafa eNkcubeko angaPhathekiyo" athetha izenzo, ukwaziswa, ukubonisa, ulwazi, izakhono - ngokunjalo nezixhobo, izinto, izixhobo ezenziwe ngumntu kunye nezithuba zenkcubeko ezinxulunyaniswa nayo - uluntu, amaqela, kunye, kwezinye iimeko, abantu abangabodwa abaziqondayo ukuba ziyinxenye yamafa abo enkcubeko, ezidluliswa zisuka kwisizukulwana zisiya kwesinye isizukulwana, eziye zenziwe kwakhona rhoqo luluntu kunye namaqela ukuphendula kokusingqongileyo kwabo, indibano yabo nendalo kunye nembali yabo, kwaye ebanika ukuzazisa kunye nokuqhubeka, okuthi ke kuphakamise iyantlukwano yenkcubeko kunye nesakhono somntu sokudala. Ngenjongo zale nkomfa, ingqalelo iyakunikwa kuphela amafa enkcubeko angaphathekiyo anjalo njengoko engqinelana nezixhobo zamalungelo oluntu zamazwe ngamazwe esele zikhona njengeemfuno zentlonipho emacala phakathi koluntu, amaqela, abantu abangabodwa kunye nophuhliso oluzinzileyo.
Inqaku 2 liqhuba lithi "amafa enkcubeko angaphathekiyo" njengoko echaziwe kumhlathi ngasentla, acaciswe phakathi kwezinye izinto ngoku kulandelayo:
a Amasiko athethwa ngomlomo kunye neziboniso, ziquka njengesixhobo samafa enkcubeko engaphathekiyo.
b Ubugcisa obungemidlalo, izenzo zentlalo, amasiko kunye nezehlo zexesha elithile lonyaka.
c Ulwazi kunye nezenzo eziphathelene nendalo kunye nomhlaba d Ubugcisa bemveli
Iinkcazelo ezandulelayo (ngokwemiqathango yomthetho woMzantsi Afrika kunye nomThetho waMazwe ngaMazwe) ubhekiselele kwizinto ezingaphezulu okanye ezingaphantsi ezifanayo. Izinto ezifanayo ngamasiko athethwa omlomo, ukwenza, amasiko kunye nolwazi kwindalo, kuluntu kunye nobudlelwane bentlalo. Apho umntu abona khona iyantlukwano, ayiyoyantlukwano ngokwemiqathango yondoqo kodwa kuphela yisemantiki. Ngoko ukusetyenziswa kwamabinzana ngokutshintshisana njengoko abemi boMzantsi Afrika besenza akumiseli naluphi na ulwaphulo koko kukubakhona kokuzikhethela.
INGXOXO
Amafa aphilayo njengaso nasiphi na isenzeko soluntu angaphambili embalini kunexesha labaphathi kunye nekoloni. Yayingawo kwaye isekwangawo amava aphilwayo kuluntu olwahlukeneyo kwixesha lakudala kwimbali yomhlaba. Kukuphelela kwamava abo, indlela abasebenza ngayo ngokuzala, ukufikelela ebudaleni; ukufikisa, umtshato, ukuguga kunye nokufa, indlela abawabhiyozela ngayo la mabakala okukhula komntu; indlela abasebenza ngayo ngokuhlupheka nokuswela, ukuba balwakha njani uqoqosho lwabo, balwenza njani uzinzo lwabo; baphila njani nolunye uluntu ngokunjalo nendalo yabo ebangqongileyo, bawabalisa njani amabali abo, bacula kwaye badanisa njani Njl. Njl.
Uhlobo lwamafa aphilayo esinawo namhlanje ayinxenye yelifa esilifumene kwisinyanya sethu esixhaphakileyo esingumntu ukusukela kwixesha lakudala. Amafa ethu aphilayo aqala kumasiko athethwa ngomlomo, imbali ebaliswa ngomlomo, amasiko, indlela zemveli zolwazi ebezigciniwe; eziye zatshintsha kwaye oko kwenza ukuba izinto ezintsha zisuswe okanye zongezwe ngenxa yokudibana rhoqo phakathi koluntu olwahlukeneyo lwelizwe kuqala olwalohlulwe lithuba kunye nemigama yexesha. Ukudibana kunyuswe ngokungaphaya lusondelelwano lomhlaba olwenza abantu bazi izinto ezininzi. Oluzise unxibelelwano ngeminxeba nezinye izinto, ukunyuka kokuhamba nokukhenketha okuye kwanciphisa phakathi koluntu olwahlukeneyo.
UMzantsi Afrika ubonisa umzekelo ofanelekileyo woluntu olwazi iindawo nabantu abohlukeneyo kwaye unamafa enkcubeko awohlukeneyo natyebileyo - kungoko kukho intetho ethi iSizwe esiMibala-bala (Rainbow Nation).
Ngoko ke unemfanelo yokwakha imo yokusingqongileyo evumela ukuthethwa kunye nokubonisa ngeentlobo ezahlukeneyo zaMafa aPhilayo zawo onke amaqela eentlanga. Oku kufuneka kwenzeke ngendlela exhasa izimvo zokungacaluli ngobuhlanga, ngokwesini, isizwe esineelwimi ezininzi kunye neenkcubeko ezininzi. Kwaye kufuneka kwenzeke oku kumxholo wokuzama ukuphakamisa ukwabelana ngamava enkcubeko phakathi kwamaqela enkcubeko awohlukeneyo kuba kungenxa yoku kwabelana kunye nokwamkela okumacala kwamafa ethu enkcubeko afanayo nawohlukeneyo apho siyakuphumeza khona uxolelwaniso lwesizwe, ukwakhiwa kwesizwe, kunye nokubambana ngokwentlalo.
Iya kuba ngumyalelo kuwo onke amaqela enkcubeko owokwabelana ngolwazi olumalunga notshintsho oluqhubayo, oluye lwenzeka kumafa abo enkcubeko aphilayo. Oku kunokwenzeka ngendlela yokujongwa kwezinto ezifanayo nezahlukeneyo. Kuyakubaluleka ukuqaphela ukuba ezi nkcubeko ziye ziye zinqumlezane njani na ukudala into ephilayo evela kwiinkcubeko ezingafaniyo ezinesimo esisodwa soMzantsi Afrika.
Yinto entle kakade into yokuba imigaqo-nkqubo kunye nemithetho eyenziwe emva ko-1994 yenze ukuvuselelwa kunye nokugcinwa kwamafa enkcubeko abo bonke abemi boMzantsi Afrika, oko ke kuphakamisa iinkcubeko zawo onke amaqela ethu abemi. Iphepha leNgcaciso Nkqubo lezobuGcisa, iNkcubeko naMafa ngokunjalo nomThetho weBhunga laMafa eSizwe (umThetho oyonombolo ye-11 ka-1999) kunye nomThetho weziBonelelo zaMafa eSizwe (umThetho oyiNombolo yama-25 ka-1999) uphethe ubungqina bombono owenzelwe ukuphumeza le njongo.
Amasebe karhulumente, imibutho engekho ngaphantsi kukarhulumente, imibutho esekelwe ekuhlaleni kunye nabantu abangabodwa benze imizamo enganxulunyaniswanga yokugcina kunye nokwazisa amafa aphilayo. Ngexa ezi ziqondwa kwaye zinconywa, indlela ekhokelwa ngurhulumente ngokunjalo nezicwangciso-qhinga eziqhutywa luluntu ziyafuneka ukuphuhlisa inkqubo ebanzi ethatha ingcinga yabo bonke abemi boMzantsi Afrika. Inkqubo kufuneka ibe ngaphaya kokuqokelelwa kwamafa aphilayo kwaye ifikelele kwelona qondo liphezulu ekuphuhlisweni komgaqo-nkqubo kunye nezixhobo zowiso-mthetho ezifunekayo kukhuselo lwayo (ekwenziweni urhwebo kwaye /into enokuthengiswa). Abaqali/iintshatsheli/abafukami bamafa aphilayo abathe ngaphandle kwazo zonke izinti babanako ukugcina ulwazi olubalulekileyo mabaziswe kwaye banikwe ukuqondwa okubafaneleyo.
IINJONGO KUNYE NEZINTO EKUJOLISWE KUZO
Ukubhiyozela amafa ethu aphilayo kwisikhumbuzo ze-10 zentando yethu yesinininzi
Ukuveza kunye nokwenza kwaziwe iNkomfa yaMazwe ngaMazwe yokukhuselwa kwaMafa eNkcubeko angaPhathekiyo
Ukwazisa kunye nokuqonda iiNdyebo zoluNtu eziPhilayo
Ukudala umgangatho weengxoxo zaMafa eziya kunika ukubonwa okukhulu kumbandela kwaye okulandelayo ibe kukwenziwa kwemigaqo-nkqubo kunye nemithetho ngokugcinwa, ukukhuselwa nokuphakanyiswa kwaMafa aPhilayo.
Ukwenza kwaziwe ukusetyenziswa kwamafa aphilayo njengesithuthi sokwakhiwa kwesizwe, uxolelwaniso lwesizwe, ukuhlaziywa kokulungileyo, ukubumbana ngokwentlalo kunye nasekwenziweni kwesazisi sesizwe soMzantsi Afrika.
Ukwazisa kunye nokuphakamisa amafa aphilayo kunye nokuhlanganisa uMzantsi Afrika kumalungelo awo oqoqosho, phakathi kwezinye izinto, ngokhenketho.
ABANTU EKUJOLISWE KUBO
Abantu boMzantsi Afrika benziwe ngamafa enkcubeko awohlukeneyo natyebileyo. Lolu luntu loMzantsi Afrika isebe elifuna ukuluhlanganisa kumafa aphilayo. Kukho umbono wokuba eMzantsi Afrika iiNtsuku zeSizwe ziye zaba yinto egcinelwe icandelo loluNtu elithile labemi. Oku kuchasene nokwakhiwa kwesizwe, uxolelwaniso kunye nokubumbana ngokwentlalo. Izicwangciso-qhinga zethu zonxibelelwano kunye nokurhweba kuyakucingwa ngazo ngendlela yokuba iiNtsuku zeSizwe jikelele kunye noSuku lwaMafa ingakumbi ziyakutsala uluntu oluninzi loMzantsi Afrika.
ABADLALI NDIMA
AmaSebe eSizwe kaRhulumente; iSebe lezobuGcisa neNkcubeko (isebe elikhokelayo)
I-ofisi kaMongameli;
OoRhulumente bamaPhondo;
OoRhulumente beeNgingqi;
SABC
IMibutho exhaswa nguRhulumente;
AmaZiko aPhakamileyo eMfundo
ICandelo labuCala
IMibutho engekho ngaphantsi kukaRhulumente
AmaQela ezeNkcubeko
IMibutho eSekelwe eluNtwini
ISebe lezobuGcisa neNkcubeka liceba enye indlela eyahlukileyo kwiNyanga yaMafa kunye nakwiinkqubo zoSuku lwaMafa ka-2004. Siceba ukuyiyekisa " iMibhiyozo yeSizwe" ngokuqhelekileyo ekuye kubekho umbhiyozo omkhulu kwiZakhiwo zoMdibaniso (Union Buildings) okanye kwenye indawo. Sicinga ngeNyanga yaMafa ebekwe phakathi kunye noSuku lwaMafa oluya kubona amaPhondo, ooMasipala, ooGunyaziwe beSizwe bedlala indawo ebalulekileyo kwisicwangciso-qhinga ukuze iNyanga yaMafa kunye noSuku lwaMafa zibe nefuthe kumgangatho woluntu kwaye zenze amandla okuhlanganisa uluntu loMzantsi Afrika kumba wamafa aphilayo. Sinethemba lokuwusebenzisa lomxholo njengebhodi yokutsibela ukuphumeza umbono omkhulu wokuqokelala, ukugcina, ukukhusela kunye nokuphakamisa aMafa ethu aPhilayo. Ngalo mxholo, kwiminyaka emihlanu ezayo, i-DAC inethemba lokuseka umgaqo-nkqubo nomthetho ngokunjalo nempahla yesizwe kunye nedatabase yaMafa aPhilayo kunye neNdyebo ePhilayo yoluNtu ngoba le yesibini isilahlekela phantse yonke imihla.
UKUPHUNYEZWA OKUCETYWAYO KWENKQUBO-SAKHELO SENYANGA
Sizceba iiveki ekuzakube kujoliswe kuzo eziya kubalula izinto ezahlukeneyo zaMafa aPhilayo. Abathelelani abohlukeneyo bayakunika iinkcukacha zokuba baceba ukuziphumeza njani na iinkqubo ezenzelwe ukwazisa aMafa aPhilayo. ISebe lezobuGcisa neNkcubeko liceba ukungena kubuqabane noKopoletyeni wezoSasazo woMzantsi Afrika South African Boradcasting Corporation SABC ukuqinisekisa ukuba kukho ukwaziswa okukhulu kwesi sihloko kunye neenkqubo zaso inyanga yonke.
IINKCUKACHA ZOBUQABANE OBUCETYWAYO NE-SABC
Ngobuqabane ne-SABC, iqela leengxoxo ngoLwazi lwakuDala/lweMveli kunye neZenzo ziyakulungiselelwa. Injongo engundoqo iya kuba kukusebenzisa amafa eNkcubeko oMzantsi Afrika ukufaka isandla kwizinto ezibalulekileyo zesizwe kuqukwa nokuliwa kwe-HIV/Aids, ukuncitshiswa kolwaphulo-mthetho, ukwakhiwa kwesazisi sesizwe soMzantsi Afrika kunye nokuhlaziywa kokulungileyo.
Ukwenza ukuba umbono woLwazi lwakuDala/lweMveli kunye neZenzo zihlale zikhona phakathi kolutsha, kubalulekile ukukhomba ukubaluleka kunye nexabiso elilodwa lezi zenzo namhlanje (Ukuba ulutsha lungancedeka njani ngokwezentlalo noqoqosho kuzo). Njengokuba, kuye kwakho ukunyuka ekusetyenzisweni kwesinxibo semveli, okokwenza ubuso kunye nokokuhombisa, ulutsha emalukuthathe njengethuba lokwaziswa kwezentlalo-noqoqosho.
Abemi boMzantsi Afrika abaziwayo ukuba banezakhono ezizodwa kunye nobuchwepheshe kumamndla woLwazi lwakuDala/lweMveli kunye neZenzo bayakumenywa ukuba baye kwi-SABC kwaye banikwe umgangatho wokwabelana ngolwazi lwabo kunye nabemi bonke. Ugxininiso kufuneka ukuba ibe kukuba ezi zinto woLwazi lwakuDala/lweMveli kunye neZenzo ziyakusetyenziswa njani ukumelana nokona kubalulekileyo kwesizwe.
Imimandla ekujoliswe kuyo inokuquka:
Izakhono zemveli, inzululwazi ngokwakha kunye nobugcisa
Ukutya nokupheka kwemveli kunye neendlela zokugcina (zinqabile)
Iindlela zamayeza nezokunyanga
Ukuhombisa kunye nesinxibo semveli
Umculo nomdaniso wemveli/wakudala onxulunyaniswa namava awohlukeneyo obomi kunye namasiko okubeleka, okufikisa, umtshato, ukufa njalo njalo.
Imbali ebaliswa ngomlomo kunye namasiko enziwa ngomlomo
IVEKI YOKUQALA: UMCULO NOMDANISO
Le veki iya kuba neenkqubo kunye nemidaniso engenzelwanga ukubonisa kuphela umculo kunye nomdaniso kodwa yenzelwa ukudibanisa ezi zinto kumabali, izehlo, imicimbi okanye amasiko. Iya kuba lithuba kwakhona lokubonisa ukuba umculo nomdaniso uveliswe njani kuluntu oluneenkcubeko ezininzi kunye nokuba iinkcubeko zizichaphazele ngokufanayo njani enye kwenye (ukudibana kweenkcubeko). Undoqo kolu vavanyo iya kuba lugxininiso lwamafa ethu afanayo enokusebenza njengenye yeebloko zokwakha. Kuyakubaluleka ke ngoko ukufumana abantu abadala ukuba basincede sigcine lo mbono wokuqinisekisa ukuba ubugcisa bokudala bomntu kunye nembali ezahlukeneyo zamaxesha athile zenziwa ukuba zaziwe kwaye zamkelwe zizizukulwana zangoku kunye nezexesha elizayo.
Okubaluleke kakhulu, iya kuba kukuthabatha inxaxheba koluntu lwengingqi ekuboniseni ngemidaniso kunye nomculo wemveli.
IVEKI YESIBINI: ULWAZI LWEMVELI/LWEZINTO ZAKUDALA KUNYE NEZENZO
Kukho into yokunxulumanisa ulwazi lwemveli/lwakudala kunye nezenzo necandelo elithile labantu kubemi bethu. Oku kuveza umbono ongenguwo wokuba amanye amaqela abemi zange abe nezinto zemveli kwaye zange ahlangabezane nemiceli mngeni amanye amaqela ahlangabezana nayo. Njengokuba, ukuveliswa kokutya, amayeza kunye namafutha okuqaba kwikhulu leminyaka eladlulayo kohlukile kunokuba kusenziwa namhlanje. Le yinto eqhelekileyo kumaqela onke abemi kwaye kuninzi esinokwabelana ngako njengokuba izinyanya zethu zazisebenzisa ziphi iindlela zokulima, zaziwenza njani umlilo, zaziyimba njani igolide kunye nedayimani, babeyilondoloza njani indalo yethu esingqongileyo, babefuya njani, babeyidlala njani indima yokuba ngababelekisi, babebakhulisa njani abantwana abancinane, babezisebenzisa kanjani izinto zokuqaba ubuso kunye nezinto zokuzipeyinta ubuso zemveli njl. njl. iSebe lingathanda, umzekelo, ukuqhuba ingxoxo ngokutya kwemveli.
UKUTYA KWEMVELI
Ukutya kwesintu kwemveli kunempilo kwaye kuyafikeleleka kunokutya okufana noko kwasentshona. Kodwa ke kubonakalisa amandla kwisondlo nakuqoqosho.
IVEKI YESITHATHU: IZAZI ZAMAFA ENKCUBEKO YOMZANTSI AFRIKA KUNYE NEEMBALI ZAZO
Le iveki iyakunikezelwa ekuthetheni kunye nakudliwano-ndlebe nabantu abangabodwa okanye kuxoxwe ngempumelelo yabantu abangabodwa abaye bagqwesa kwimimandla eyahlukeneyo yamafa aphilayo.
Ezi zazi ngabantu:
Abafake isandla ngezenzo zabo eziluqilima ekuvuselelweni kwenkcubeko yemveli esemngciphekweni wokulahleka mhlawumbi ngenxa yokunqongophala kweendlela zokuyigcina ikhuselekile okanye ukhuselo okanye ngenxa yotshintsho oluthe rhoqo, ukwenziwa idolophu.
Ababonise indima yabo ngokuqinisa ukwaziswa kwenkcubeko yabantu kunye noluntu lwenkcubeko olubandakanyekayo, ukubaluleka kwabo njengabantu abanika ukuzithemba kunye nanjengendlela yokusondelelanisa abantu kunye noluntu kunye.
Ababonise ubungqina bokugqwesa ekusetyenzisweni kwezakhono kunye nobuchwepheshe
Abanike ubungqina obubanzi ngeengcambu zabo kwinkcubeko yemveli okanye imbali yenkcubeko yoloo luntu lubandakanyekayo
Abaqinisekise ixabiso labo njengamangqina eenkcubeko zemveli
IVEKI YESINE: INGXOXO-MPIKISWANO YESIZWE KWINDIMA YAMAFA APHILAYO KUHLAZIYO LOKULUNGA; UKUHLANGANA NGOKWEZENTLALO, UKUPHELISWA KOBUHLWEMPU; UKWAKHIWA KWESIZWE; UXOLELWANISO KUNYE NASEKUQHUBELENI PHAMBILI NGOKWAZISWA KWESIZWE
ISebe lezobuGcisa neNkcubeka liceba ukuba neengxoxo-mpikiswano zesizwe ngezi zinto zesizwe zibalulekileyo zingasentla. Injongo engundoqo kukwenza lula ezi zinto zibalulekjileyo kusenzelwa bonke abemi boMzantsi Afrika. Kukuxoxa nagokungaphaya ngokuba uMzantsi Afrika ungaziphumeza njani ezi njongo.
Ukuqondwa kobulumko obukhona kubemi boMzantsi Afrika, iSebe, ngosasazo lweendaba, liyakubandakanya isizwe kwingxoxo zokuba imiba eyahlukeneyo yamafa ethu aphilayo ingahlanganyiswa njani ukuze ibambane nezi zinto zibalulekileyo zesizwe.
Le ngxoxo-mpikiswano yesizwe iya kubeka isiseko ekuphuhlisweni kwesicwangciso-qhinga sesizwe kuQokelelo, uKhuselo, uGcino kunye nokuPhakanyiswa kaMafa aPhilayo/aMafa eNkcubeko angaPhathekiyo.
Ubambiswano luyawukwenziwa ne-SABC ukuba kubekho iingxoxo zamaqela kwizikhululo zoonomathotholo kwiinkqubo ezinokwenziwa uluntu olufuna ukuzibeka phambili luzibekela isebe lesizwe kulo mba
ImiBhiyozo yoSuku lwaMafa iyakuqhubeka kumaphondo alithoba ngokunjalo noomasipala. ISebe leSizwe/uNdlunkulu uyakuyisebenzisa inyanga njengomgangatho wokuphumeza iphulo ekufuneka liphelele kwisicwangciso-qhinga sokuQokelela, ukuGcina, ukuKhusela, ukuPhakamisa kunye nokuSasaza aMafa aPhilayo.
